NguCHRIS TOTOBELA
Amagqiyazana nawo amaxhaphetshu elungiselela umdlalo ozakubayimbali kwibhola yabaseTyhini yalapha eMakhanda. NgeCawa oompondo zihlanjiwe nooxholovane bebhola yamanina nabaphumelele intshinga yalengingqi yeSarah Baartman izihlandlo ezisixhenxe zilandelelana, iAfrican Connection izobe ijongene nqo neqela lamanina laseDSG.

Iqela laseDSG liqale ukudlala imidlalo yalo kulonyaka ophelileyo kwaye lisebenzisa lomdlalo ukuzilungiselela itumente yezikolo yamanina.

Umqeqeshi weliqela umnumzana Ntokozo Dube uthi uchulumancile kwaye uwujonge ngamehlo abomvu lomdlalo. Umdlali odlale ithuba elide kwiqela lamaKonokono oyinkonde nokwangusekela mqeqeshi, uthi lo umdlalo uzakuba yimbali nanjengoko bezakudibana neliqela okokuqala nqga, kwaye eli lithuba lokujonga abadlali abasafunda ukudlala nabo baselula ukuze bazibonakalise kwaye bazame ukuzibethelela kweliqela.

Lo mdlalo uzakuba ngeCawa kwibala laseDSG ngomkhono phambi kwentsimbi yeshumi elinambini. Omabini lamaqela azakube esebenzisa lomdlalo ukujonga apho kufuneka alungise khona.

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.