NguCHRIS TOTOBELA

Iqhubile kwakhona imidlalo yeMakana LFA yoompondo zihlanjiwe ngoMgqibelo walempela veki esisuka kuyo. INewseekers ibhaxabule iCameroon ngamanqaku amahlanu kwelinye, logama iLove and Peace izibethele iSophia Stars ngamabini kwelinye yaze yona iJacaranda Aces yabetha iYoung Eagles ngamanqaku amathathu kwelinye.

Kwidabi elidala laseJoza looxholovane bebhola yaseMakhanda iAttackers ibethe iJoza Callies ngamabini kwelinye. Kumdlalo obuvutha amadangatye noqale ngesona santya siphezulu kakhulu iNewtown City ikhokele ngenqaku elinye eqandeni emva kwempazamo eyenziwe ngumdlali wangasemva we6Sai obezama unika unozinti wakhe ibhola ngentloko yasuka yahlala emnatheni.

I6Sai ibuye ngamandla kwisiqingatha sesibini yanyanzela iCity ukuba ifumbe ngasemva kwaye baye bafumana inqaku labo lokulinganisa emva komdlalo omhle oqale kwiphiko lasekunxele nalapho igotywe kakuhle ibhola yaze yahlangana nentloko yefolosi ye6SAI eye yayibeka esigcawini. Umdlalo uphele ebambene ngenqaku macala.

Kumdlalo wokugqibela obubanjelwe eDlepu iGrahamstown United ebitsala nzima kwisiqingatha sokuqala nanjengoko ibijongene nomoya omandla obusiza ngaphambili, ibuye kwisiqingatha sesibini yayicinezela ngamandla iRhodes enabadlali abanetalente enkulu kodwa abadlala njengeziqu, hayi njengeqela elinye, ntoleyo ebangele ukuba iGrahamstown United ibatywatyushe ngamanqaku amane kwelinye.

Lamaqela ebehlangana okokuqala ngqa kwesi isigaba soompondo zihlanjiwe nanjengoko esandula ukunyuselwa.

Comments are closed.