NguCHRIS TOTOBELA
Iyasongana ibhobhile kwimidlalo yamakhwenkwana aselula. Ibembalwa kakhulu imidlalo kulempela veki esiyishiya ngemva nanjengoko amaqela amaninzi ebephumle.

Kwimidlalo yabo baneminyaka engaphantsi kwelishumi elinesihlanu, iYoung Eagles ibethe kabuhlungu iCity Pirates ngamanqaku amabini kwelinye logama yona iLakhenathi izingombele iJacaranda Aces ngamabini eqandeni.

Kowokugqibela umdlalo wosuku iGolden Brothers ethande ukuza kakubi mvanje ibhaxabule iCameroon ngamanqaku amane kwelinye.

Kumdlalo wabo bangaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu ibingumgidi kaSanethi kwiSakhulutsha ngethuba itywatyusha iFuture Stars ngamanqaku alishumi elinesihlanu eqandeni.

Kukhangeleka ngathi kufikwe kwinqanaba ngoku apho kuhluzwana khona, kuzanywa ukohlula amakhwenkwe emadodeni nalapho ngoku oompondo zihlanjiwe bathande ukuzibonakalisa ababhinqe ngako.

Comments are closed.