Ngu: Dumisa Mpupha

The imbongi welcomes the new Makhanda Mayor, Honorable Mayor Mzukisi Mphahlwa.

Mabandl’akowethu nivile
Mabandl’akowethu sesivile ke kambe
Ukuvuleka komhlaba wavelis’iizityalo
Kwaphum’iingxangxazi kwaphum’amanzi

Eyiyizela elilizela
Kwagcoba kwano sebeleni

Aah! Zanethamsanqa! Aah!Zanentlahla!
Wabu-u-uy’umfo kaMpahlwa uRhadebe
UNdlebentlezombini uNyawozimnyama nango qhwayana
Yabuya indod’engabekwa chaphaza
Gxebe kweso sihlalo samalungisa

Aah! Zanethamsanqa! Aah! Zanentlahla
Sino Sodolophu eMakhanda
Ngunyana womthonyama
Bubuso esibaziyo nesibuqhelileyo
Uhleli esihlalweni sabanyulwa okwesibini emgceni
Xa sibala siqala ngaye sithi “Ngu Sodolophu”

Aah! Zanethamsanqa! Aah! Zanentlahla
Mabandla ase Makhanda

Nditsho kuni zizwe nezizwana zakwaNtu
Kwakuni zintlanga ezaziwa ngokuba zeza se luhlangeni

Vumani nam ndithi nina bamhlophe kunye nani nimnombo waba Khoyi(Khoi Khoi people)

Nidibane ngezandla nenz’umtyangampo.

Nguye ke owomnombo kaMandela
Kuphela kwakhe owasibon’isindlela
Emva kokugixeka sinemivumbo
Ningamgcin’endlini maqabane
Uphuma kusapho lomkhosi
Ningamvalel’ekoneni
Kuba uyafuneneka egwatywini

Siya kwamkela Sodolophu
Ngawe sijonge amathamsanqa nentlahla
Kuluvuyo umfowethu ebuyile
Kungenga zagweba nabhelekequ
Kulu xolo ngawe, kuzilekese ukuphinda sibe nawe
Wa- wa- wa- wamkelekileee!

Mzwamadoda Makalima

Mzwamadoda Makalima, better known as Azlan Makalima, is a Grocotts Mail Online Producer, Journalist, Graphic and Layout Designer. He is a Head-Director at Multimedia Makenik, a Small Medium Micro Enterprise on Event Management, Graphic, Audio and Visual Design.

Comments are closed.