Umsebenzi wezandla: UNgqiqokaBawo Ncwadi usebenzisa imbewu yeziqhamo ezithile ukwenza amacici neentsimbi zomqala. Uphinda aprinte iimbuso zamaqhawe namaqhawekazi omzabalazo ezimpahleni. Umfanekiso: Ugciniwe

Phakathi kolwaphulo-mthetho, intlupheko nezinye izinto ezimbi ezenzekayo kwidolophu yaseRhini, kukho inxenye yolutsha olusebenzisa izakhono zalo ngeenzame zokuziphuhlisa. Omnye wabo bantu nguNgqiqokaBawo Ncwadi (26) waseHlalani owathatha isigqibo sokusebenzisa isakhono sakhe sokwenza imizobo ezimpahleni, ukwenza amacici neentsimbi zomqala njengendlela yokuziphilisa.

UNcwadi usebenzisa imbewu yeziqhamo ezithile, amalaphu nofele ukwenza amacici amile ngeendlela ezahlukeneyo ezinika umdla. Uphinda athenge izikipha, iilokhwe neebhlukhwe ze azobe okanye aprinte kuzo imifanekiso yamaqhawe namaqhawekazi omzabalazo aseMzantsi Afrika nakwilizwe jikelele. Ubandakanya nemifanekiso yeemvumi ezidumileyo ezinjengoBrenda Fassie, okanye afake umfanekiso womntu lowo ufuna ukuthenga isikipha okanye ilokhwe, ngokuzikhethela kwakhe. Uncwadi uthi wayedla ngokubona lo msebenzi wokuprinta usenziwa nguMzukisi Langeni nowayedla ngokuthenga kuye, waze wamcela ukuba amfundise. Ukwenza amacici neentsimbi zomqala kona ukufunda ebantwini ahamba edibana nabo kukhenketho lwakhe lwamazwe-ngamazwe afane neNdiya, ze abukele neevidiyo ezikuYoutube ukuphuhlisa isakhono sakhe.

UNcwadi uthi baninzi abantu baseRhini nakwezinye iidolophu, nabaseNdiya ababonakalisa umdla nenkxaso kumsebenzi wakhe ngokuthi bathenge iimpahla namacici awenzayo. Nangona kunjalo, uthi lo msebenzi awenzayo akawuboni njengendlela yokwenza imali nje qha.

“Ayiloshishini, yindlela yokuphila. Ishishini lihamba lihambe libenesiphelo kodwa lo msebenzi yinto endiyenza qho kuba ndiyithanda, andiyenzeli mali,” utshilo uNcwadi.

UNcwadi ukhuthaza abantu abatsha baseRhini ukuba basebenzise izakhono zabo nezinto abanakho ukufikelela kuzo ukuze baziphuhlise. “Usaphila, iseninzi into onokuthi uyenze. Abantu abatsha kudingeka ukuba bazithembe,” utshilo uNcwadi.

Isakhono sikaNcwadi simbeke emajukujukwini nanjengoko ethe wamenywa ukuba aprinte izikipha ezineembuso zamaqhawekazi omzabalazo aseNdiya ukuze zithengiswe kwimalike yenkomfa, iDalit Women Speak Out Conference ebiqhutywa kwiSenta yeKrantijyoti Savitribai Phule Women’s Studies, kwiYinivesithi yasePune, eNdiya nge-19 ukuya kwama-20 kweyoMnga ku-2017. Le nkomfa yamanina aseNdiya abizwa ngokuba ziiDalits (abacinezelwa) yenzelwe ukuvakalisa iinkxalabo, uloyiko nezimvo zamanina aseNdiya aziva ecinezelekile ngenxa yesimo sezopolitiko kwilizwe lawo. Le nkomfa yeentsuku ezimbini ibidibanisa abantu basetyhini abangangama-250 abaquka abafundi, amatshantliziyo omzabalazo, ababhali neenkokheli ukuze babalise ngezinto ezibachaphazelayo kubomi bemihla ngemihla, endaweni yokuba ibengurhulumente, abezemfundo neentatheli ezithethela la manina. Le nkomfa ibilungiselelwe ngamaqela i-All India Dalit Mahila Adhikar Manch neKrantijyoti Savitribai Phule Women’s Studies Centre.

Comments are closed.