Abasebenzi besibhedlela iFort England baqhube noqhankqalazo ngaphandle kwamasango esi sibhedlela mihla yonke sukela kwiveki epheleleyo. Isizekabani yimali abathi bayityalwa lisebe lezempilo leliphondo leMpuma-Kapa.

Abasebenzi besibhedlela iFort England baqhube noqhankqalazo ngaphandle kwamasango esi sibhedlela mihla yonke sukela kwiveki epheleleyo. Isizekabani yimali abathi bayityalwa lisebe lezempilo leliphondo leMpuma-Kapa.

Basele bembalwa abasebenzi kwesi sibhedlela nanjengoko abasebenzi bebetshintshana ukuqhankqalaza mihla le ukusuka ngentsimbi yeshumi ekuseni.

“Kade siqhankqalaza sukela kwiveki epheleleyo”, uhambise watsho uThando Mtshalala, nongusihlalo weNehawu kwesi sibhedlela kudliwano ndlebe neGrocott's Mail ngoLwesithathu umhla we 29 Meyi.

Uthi abasebenzi basalinde unyuso-mali kunye neemfanelo ebekufanele ukuba zenziwa mhla mnene.

Uthi isebe laphule isithembiso sokuhlengahlengisa iPerformance Management and Development System (PMDS) ngexesha, ze babanike ibhonasi zabo kunye nentlawulo yokusebenza ixesha elongezelelweyo.

UMtshalala uthi ngalondlela isebe lilo elikade lifaka abasebenzi umnwe esweni. Abasebenzi zange bahlawulwa ibhonasi zabo sukela kunyaka ka2010 ukuzakutsho ngoku, wangeze ngelitshoyo uMtshalala. Uthi akukho bani waziyo ukuba ingxaki iphi, kodwa abanye abasebenzi bezinye izibhedlela bayifumana bona intlawulo kwaye iyabahlupha kakhulu lonto.

“Silinde abantu besebe ukuze bazokuthetha nathi. Kuqala bebethe isixa mali se169 sezigidi zerandi (R169 million) sikhona ukuhlawula wonke umntu. Ngoku bavela besithi imali iphelile kube kungekho mntu ufumene ntlawulo”

Njengesisombululo kulenyewe uMtshalala uthi beyilembumba bathe bacebisa umphathi wesisibhedlela ukuba basebenzise imali ethe yazintsalela yesibhedlela ukuhlawula abasebenzi.

Kudliwano ndlebe uthe wavakalisa ukuba balindile ukuva ukuba isebe lizakuthini Nanjengoko bebelinde impendulo emva kwemini yangomhla wodliwano ndlebe.

Fumana iziphumo zentlangano yabasebenzi nesebe lezempilo kwiphepha lwangoLwesihlanu.

Comments are closed.