Bazisa umyalezo wethemba ngomculo wabo, babalisela abathandi bomculo ngezinto zemihla-ngemihla babe bevelisa umculo ongowabo woqobo. Le yeyona nto ke eliqela licula umculo we acapella, iThe Soil, lingayo. Nangona bebeke bavela kwakanye kwiFringe programme yeNational Arts Festival ngoncuthu lwabo lomculo, eliqela nelizinze eSoweto lijolise ekuphiliseni abalandeli babo ngomculo.

Eliqela nelimalungu amalunga namashumi mabini lwadibana kwiminyaka emithandathu edluleyo ngexesha bengabafundi eTetelo Secondary School, emntla Pitoli.
Babedla ngokucula kwiJam session yasemva kwexesha lokufunda ngoLwezihlanu, bawunonga umculo wabo ngoku eliqela sele limalungu amane liseleyo uLuphindo Ngxanga, Ntsika Ngxanga, Samkelo Mdolomba kunye noBuhlebendalo Mda bathi ilungu labo lwesihlanu nguThixo.
Eliqela licula ngaphandle kobuxhakaxhaka obusetyenziswayo namhlanje emculweni, into ebanika isandi yibeat-box kuphela nabazenzela ngokwabo. UNtsika Ngxanga uthi “asizanga sabusebenzisa ubuxhaka-xhaka njengabaculi sasoloko sizenzela thina.
Jonga, engqondweni yakho kukhona kukhona iqela lomculo nelenza isandi ngemilomo nje kuphela”. Eli wela libulela kakhulu abaxhasi nabalandeli ngexesha le National Arts Festival nalapho kungazange kubekho situlo singahlelanga mntu.
“Sizama kangangoko ukuba sinxibelelane nabalandeli bethu ngokunga siyinxalenye yabo ze silandelis ngokucula iingoma ezihambelana nesimo sabo nesethu”.
“Indlela abebephuma ngayo abantu ukuzakusinika inkxaso ibingaphaya komlinganiselo. Abantu babonise uthando olukhulu kulomculo wethu. Abantu bafuna into ezakubenza babenelunda kwaye yilento singayo ke leyo” uhambisa atsho uNtsika.