Isithwalandwe sedyunivesithi iRhodes sigetyengwe sasweleka ngenjikalanga yangoLwesine umhlawe 12 kuApril 2012, xeshikweni sisuka eBhayi sisiya kumsitho wothweso-zidanga eRhini.
Isithwalandwe sedyunivesithi iRhodes sigetyengwe sasweleka ngenjikalanga yangoLwesine umhlawe 12 kuApril 2012, xeshikweni sisuka eBhayi sisiya kumsitho wothweso-zidanga eRhini.
Isibhengezo esisemthethweni esikhutshwe namhlanje yiDyunivesithi iRhodes sifundeka ngoluhlobo:
I-Dyunivesiti ivakalisa usizi novelwano ukwazisa ngokusishiya kuka Lelona Thembakazi Fufu, umfundi we Bsc Onazi obesakuba yinxalenye yabazakuthweswa izidanga ngokuhlwa kwangoLwesine, 12 April 2012.
Ngokokutsho kwamalungu wosapho, ukusweleka kukaNkosazana Fufu kuthe kwaqinisekiswa licandelo lamapolisa ngenjikalanga yangoLwesihlanu umhla we13 April 2012. Wagqityelwa ukubonwa kowabo ngoLwesine ngentsimbi yesibini ngexesha esimka kowabo eMotherwell, eBhayi, eleqisa kumsitho wothweso-zidanga waloonjikalanga eRhini.
Amalungu osapho, nabe enze izicwangciso zokuya eRhini ngaloonjikalanga yangoLwesine agqibelisa ukunxulumana naye malunga necala emva kwentsimbi yesibini, baza bamkhankanya emapoliseni njengolahlekileyo emva kwentsimbi yesithoba ebusuku emva kwemizamo engenampumelelo yokumfumana.
I-Dyunivesiti idlulisa uvelwano nosizi kusapho nezihlobo ngokubanzi.
Iphephandaba labafundi (iOppidanPress) linike ingxelo yokuba igosa lezothethwano lesikhululo samapolisa saseMotherwell u Mnu Andre Breegte unike ubungqina bokuba umzimba kaNkosazana Fufu ufunyenwe ngakwi Hotele iCoega endala ngentseni yangoLwesihlanu unamanxeba amathathu ukuya kwamane anzulu okuhlatywa, nabengunobangela wokubhubha kwakhe.
Kukho amarhe zokuba uNkosazana Fufu wadlwengulwa, kodwa uMnu Beegte uxelele iOppidanPress ukuba akanako ukunika ubungqina obupheleleyo ngale nyewe, nanjengoko kungekabuyi nkcukacha zithe vetshe kwicandelo lezempilo.